Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem. UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.” Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.” Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu. Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?” Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?” Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’ Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo. Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye? Ukuba andiwenzi umsebenzi endithunywe wona nguBawo, sanukundamkela; kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.” AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha, wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona. Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.” Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.
Funda UYOHANE 10
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UYOHANE 10:22-42
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo