uYohane 1:29-34

uYohane 1:29-34 CXB24

Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum. Ke nam bendingamazi; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. uYohane wangqina, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’ Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.