Ngengomso uYohane wabona uYesu esiza kuye, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezela isono sehlabathi. Nguye lo bendixela yena xa bendisithi: ‘Emva kwam kuza umntu omkhulu kunam, kuba wayekho ndingekabikho mna.’ Nam ngokwam bendingamazi; koko ndize kubhaptiza ngamanzi ngenjongo yokuba ndimazise kubantu bakwaSirayeli.” UYohane wangqina esithi: “Ndibone uMoya oyiNgcwele esihla enjengehobe, evela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe. Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’ Ke mna, ndikubonile nje oku, ndiyangqina okokuba lo nguye uNyana kaThixo.”
Funda UYOHANE 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UYOHANE 1:29-34
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo