UYOHANE 1:29-34

UYOHANE 1:29-34 XHO75

Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum. Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.