Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli. Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi. Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani. Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba. Iihambo zenu mazingabi nankanuko; yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo ukuthi, Andiyi kukha ndikushiye, ndingayi kukushiya; ngokokude somelele sithi, iNkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo. uYesu Krestu ikwanguye izolo, nanamhla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
Funda KumaHebhere 13
Share
Compare All Versions: KumaHebhere 13:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos