Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KUMAHEBHERE 13:1-8

KUMAHEBHERE 13:1-8 XHO96

Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi. Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni nabo baphethwe kakubi ngokungathi nini abo banjalo. Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo. Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.” Masitsho singenadyudyu ke sithi: “YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto! Angandenza ntoni umntu?” Khumbulani iinkokheli zenu zamandulo, ezanixelela ngodaba lukaThixo. Cingani ngobomi bazo nempumelelo yemigudu yazo, nilinganise ukholo lwazo. UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.