KUMAHEBHERE 13:1-8
KUMAHEBHERE 13:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli. Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi. Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani. Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba. Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye; ngokokude somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Wondenza ntoni na umntu? (INdum. 118:6) Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo. UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.
KUMAHEBHERE 13:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi. Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni nabo baphethwe kakubi ngokungathi nini abo banjalo. Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo. Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.” Masitsho singenadyudyu ke sithi: “YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto! Angandenza ntoni umntu?” Khumbulani iinkokheli zenu zamandulo, ezanixelela ngodaba lukaThixo. Cingani ngobomi bazo nempumelelo yemigudu yazo, nilinganise ukholo lwazo. UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
KUMAHEBHERE 13:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli. Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi. Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani. Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba. Iihambo zenu mazingabi nankanuko; yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo ukuthi, Andiyi kukha ndikushiye, ndingayi kukushiya; ngokokude somelele sithi, iNkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo. uYesu Krestu ikwanguye izolo, nanamhla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
KUMAHEBHERE 13:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UKUTANDA abazalwana makuhlale kubako. Imbuko yabasemzini ningayilibali: ngokuba bete ngayo inxenye bazamkela ingelosi bengazazi. Bakumbuleni ababanjwa, njengababanjwa kunye nabo; nabapatwa kakubi, njengokuba nani niseko emzimbeni. Ukutshata makube kubekekile pakati kwabo bonke, nesilili masibe singanco̔liswa: abapimisi kodwa nabaṙexezi UTIXO wobagweba. Ukumila kwenu makube kokungenakutanda imali; nize nitomalale zizinto ezikoyo: ngokuba ete yena: Andisayi kukuyeka, andisayi kukushiya kanjalo. Side somelele tina ukuti: UYEHOVA ungumsizi wam, andiyi kwoyika into endiya kwenzelwa yona ngumntu. Kumbulani abakokeli benu, abo baliteta kuni ilizwi LIKATIXO; niti, nigqala nje isipelo sokuhlala kwabo, nilandele ukolo lwabo. U‐Yesu Kristu izolo nanamhla ukwa nguye, nakude kube ngunapakade.