Ngoko ke, bazalwana, ekubeni sinobuganga bokungena kweyona ngcwele, ngegazi likaYesu; Ngendlela entsha, ephilileyo, athe wayilungiselela thina, ephumela ekhusini, oko kukuthi, inyama yakhe; Sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo; masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo, nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. Silubambe uvumo lwethu lokholo, singabi nakuxengaxenga; (kuba uthembekile lowo uthembisileyo); Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela. Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; Kusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Lowo uwugatyayo umthetho kaMoses, wafa engenanceba, phantsi kwamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Niba, woba ufanelwe yisohlwayo esiqatha kangakanani na, lowo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, wabalelela igazi lomnqophiso, angcwaliswe ngalo, ukuba liyinto engeyiyo, ewenza into engento uMoya, lobabalo? Kaloku siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, iNkosi iya kubagweba abantu bayo. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo. Khumbulani ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weembandezelo; Nani ke nenziwa intlekisa nokungcikivwa nangeembandezelo; ngokuyinxenye, nani baba ngamadlelane abenzi bobubi. Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. Kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; kodwa ukuba uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam. Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; kodwa ke kwabakholwayo, kukusindiswa komphefumlo.