Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KUMAHEBHERE 10:19-39

KUMAHEBHERE 10:19-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha, ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe; sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo: masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe, silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga. Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela. Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu. Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo? Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo. Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu; enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo. Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; Ukuba ke úthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam. (UHabh. 2:34) Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.

KUMAHEBHERE 10:19-39 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko. Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe. Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo. Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo. Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela. Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu. Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo. Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu. Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo. Kaloku siyamazi lowo wathi: “Impindezelo yeyam; ndim oya kubuyekeza.” Kwakhona uphinda athi: “INkosi iya kubagweba abantu bayo.” Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo! Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko. Nanidla ngokuba sesichengeni sengcikivo nokungcungcutheka, kanti nanide nizimisele ukuzibandakanya nâbo babephethwe kakubi. Ewe kaloku, navelana nabo abo babesentolongweni; naloo nto yokohluthwa impahla yenu nayamkela ngovuyo, kuba nisazi ukuba nina ninento ebhetele eya kuhlala ihleli. Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu. Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe. Kaloku zithi *iziBhalo: “Kusasele umzuzwana nje aze lowo uzayo afike, angalibazisi. Kambe ke yena olungisayo uya kuphila ngokholo; kodwa ke ukuba uthe warhoxa, andiyi kumkhathalela.” Phofu ke thina asingabo abo barhoxayo baze balahleke, koko singabo baya kudla ubomi kuba bethembele kuThixo.

KUMAHEBHERE 10:19-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngoko ke, bazalwana, ekubeni sinobuganga bokungena kweyona ngcwele, ngegazi likaYesu; Ngendlela entsha, ephilileyo, athe wayilungiselela thina, ephumela ekhusini, oko kukuthi, inyama yakhe; Sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo; masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo, nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. Silubambe uvumo lwethu lokholo, singabi nakuxengaxenga; (kuba uthembekile lowo uthembisileyo); Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela. Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; Kusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Lowo uwugatyayo umthetho kaMoses, wafa engenanceba, phantsi kwamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Niba, woba ufanelwe yisohlwayo esiqatha kangakanani na, lowo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, wabalelela igazi lomnqophiso, angcwaliswe ngalo, ukuba liyinto engeyiyo, ewenza into engento uMoya, lobabalo? Kaloku siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, iNkosi iya kubagweba abantu bayo. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo. Khumbulani ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weembandezelo; Nani ke nenziwa intlekisa nokungcikivwa nangeembandezelo; ngokuyinxenye, nani baba ngamadlelane abenzi bobubi. Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. Kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; kodwa ukuba uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam. Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni; kodwa ke kwabakholwayo, kukusindiswa komphefumlo.

KUMAHEBHERE 10:19-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

NGAKO ke, bazalwana! sinalo nje ukalipo lwokungena kweyingcwele indawo sinegazi lika‐Yesu, ngendlela entsha epilileyo asitwasisele yona, ngalo ikuselo, oko kukuti, inyama yake; sinomperisite omkulu nje pezu kwendlu KATIXO kanjako; masisondele sinentliziyo yenyaniso ekuqiniseni okuzalisekileyo kwokolo, sihlanziwe intliziyo zetu eluvalweni olukohlakeleyo, nomzimba sihlanjiwe ngamanzi amhlope: siti imvumelo yetemba letu siqinise ukuyibamba ingenakushukuma; ngokuba enyanisekile lowo owabeka amadinga: siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo: singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela. Ngokuba, xeshekweni sonayo ngokuvuma, emveni kwokuba sikwamkele ukwaziwa kwenyaniso, kungasabi sasala idini ngenxa yezono; kodwa kuko ukulinda okwoyikekileyo kakulu kwokugwetywa, nozondo oluvutayo luza kubadla abaca̔sayo. Umntu akulahla umteto ka‐Mosesi, wafa ngapandle kwetaṙu ngamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu: kukubetwa okubi ngakumbi kangakananina niba uya kubalelwa ukuba ufanele kona, lowo ute UNYANA KATIXO wamnyatela pantsi, negazi locebano walibala ukuba yinto enco̔lileyo, elo wenziwa ngcwele ngalo, NOMOYA wofefe wamdela? Ngokuba simazi owatshoyo ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho UYEHOVA. Nakanjako: UYEHOVA uya kulungisa abantu bake. Kuyinto eyoyikekileyo ukweyela ezandleni ZOTIXO ohleliyo. Kodwa zikumbuzeni imihla yangapambili, enanite kuyo, nakukanyiswa, nanyamezela ukulwa okukulu nentlungu: ngenxenye, ukuba nibe nisenziwa isibonelwa ngezituko nangembandezelo; nangenxenye, ukuba naba ngamakolwane abo babesekuhlaleni okunjalo. Ngokuba nibe nivana nam ekubanjweni kwam, navumela ngovuyo ukupangwa kwempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu imfuyo elungileyo ngakumbi ezulwini nehlala ihleli. Ize ningaposi nxamnye ngoko ukalipo lwenu, olunawo umvuzo omkulu. Ngokuba nifanele ukuba nomonde, ukuze niti, nakuba niyenzile intando KATIXO, nikwamkele okubekiweyo ngedinga. Ngokuba kuselixeshana elincinanana, waeya kwand’ ukuti lowo uzayo eze, angalibali ke. Kodwa olungileyo uya kupila ngokolo: kanti xeshekweni ahlehlayo, umpefumlo wam awukoliswa nguye. Tina kodwa asingababo bahlehlela entshabalalweni, koko singababo bakolwayo kube kukusindiswa kwompefumlo.