Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; Ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo; ukuze asingcwalise, asihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo; mayibe ngcwele, ingabi nasiphako. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye. Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla. Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; Umfazi ke makayoyike indoda.
Funda Kwabase-Efese 5
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Kwabase-Efese 5:22-33
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo