KWABASE-EFESE 5:22-33
KWABASE-EFESE 5:22-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo; ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamthambo ayo. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye. Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla. Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.
KWABASE-EFESE 5:22-33 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe. Ngoko ke abafazi mabawathobele ngokupheleleyo amadoda abo, kanye ngale ndlela ibandla lizinikele ngayo ekuthobeleni uKrestu. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe, khon' ukuze azithathele lona liyinzwakazi, linyulu, lingenasici, lingenabala nakushwabana nasinye isiphako. Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda. (Akakho umntu ongazithandiyo, endaweni yaloo nto uyazondla azixhase, kanye njengokuba noKrestu elilungiselela ibandla. Kaloku singamalungu omzimba wakhe.) Kunjengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.” La mazwi atyhila inyaniso enzulu; ke mna ndithi isingisele kuKrestu nebandla. Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.
KWABASE-EFESE 5:22-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; Ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo; ukuze asingcwalise, asihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo; mayibe ngcwele, ingabi nasiphako. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye. Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla. Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; Umfazi ke makayoyike indoda.
KWABASE-EFESE 5:22-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda, njengakuyo INKOSI; ngokuba indoda iyintloko yomfazi wayo, njengokuba naye u‐Kristu eyintloko yeṙemente, ekwa nguye ongumsindisi womzimba. Kukona njengokuba yona iṙemente ilulamela ku‐Kristu, kwa njalo nabo abafazi mabalulamele kwawabo amadoda kuko konke. Nina madoda! tandani abenu abafazi, njengokuba naye u‐Kristu wayitanda iṙemente, wazinikela ngenxa yayo; ukuze ayenze ngcwele, eyihlanzile nje ngokuhlamba kwamanzi elizwini, ukuze ayimisele kwa kuye ibungcwalisa, yona iṙemente, ingenabala, ingenambimbi, ingenanye yezinto ezinjalo; koko ukuze ibe ngcwele, ibe msulwa. Ngokunjalo amadoda afanelwa kukutanda abawo abafazi, njengeyawo imizimba. Otandayo owake umfazi, uyazitanda yena. Ngokuba kungeko mntu owaka watiya eyake inyama; uti ayondle, ayonge, njengokuba nayo INKOSI isenzela njalo iṙemente: kuba singamalungu omzimba wayo, kwinyama yayo, nakwamatambo ayo. Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, boti abo babini babe yinyama nye. Imfihlakalo le yenkulu; mna kodwa ndiyateta ndibeka kuye u‐Kristu nakuyo iṙemente. Noko ke nani abanye ngabanye, makati omnye nomnye enje njalo ukutanda owake umfazi njengokuba ezitanda yena; naye umfazi, makahlonele indoda yake.