Nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda, njengakuyo INKOSI; ngokuba indoda iyintloko yomfazi wayo, njengokuba naye u‐Kristu eyintloko yeṙemente, ekwa nguye ongumsindisi womzimba. Kukona njengokuba yona iṙemente ilulamela ku‐Kristu, kwa njalo nabo abafazi mabalulamele kwawabo amadoda kuko konke. Nina madoda! tandani abenu abafazi, njengokuba naye u‐Kristu wayitanda iṙemente, wazinikela ngenxa yayo; ukuze ayenze ngcwele, eyihlanzile nje ngokuhlamba kwamanzi elizwini, ukuze ayimisele kwa kuye ibungcwalisa, yona iṙemente, ingenabala, ingenambimbi, ingenanye yezinto ezinjalo; koko ukuze ibe ngcwele, ibe msulwa. Ngokunjalo amadoda afanelwa kukutanda abawo abafazi, njengeyawo imizimba. Otandayo owake umfazi, uyazitanda yena. Ngokuba kungeko mntu owaka watiya eyake inyama; uti ayondle, ayonge, njengokuba nayo INKOSI isenzela njalo iṙemente: kuba singamalungu omzimba wayo, kwinyama yayo, nakwamatambo ayo. Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, boti abo babini babe yinyama nye. Imfihlakalo le yenkulu; mna kodwa ndiyateta ndibeka kuye u‐Kristu nakuyo iṙemente. Noko ke nani abanye ngabanye, makati omnye nomnye enje njalo ukutanda owake umfazi njengokuba ezitanda yena; naye umfazi, makahlonele indoda yake.
Funda Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 5
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 5:22-33
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo