KWABASE-EFESE 5:22-33

KWABASE-EFESE 5:22-33 XHO96

Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe. Ngoko ke abafazi mabawathobele ngokupheleleyo amadoda abo, kanye ngale ndlela ibandla lizinikele ngayo ekuthobeleni uKrestu. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe, khon' ukuze azithathele lona liyinzwakazi, linyulu, lingenasici, lingenabala nakushwabana nasinye isiphako. Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda. (Akakho umntu ongazithandiyo, endaweni yaloo nto uyazondla azixhase, kanye njengokuba noKrestu elilungiselela ibandla. Kaloku singamalungu omzimba wakhe.) Kunjengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.” La mazwi atyhila inyaniso enzulu; ke mna ndithi isingisele kuKrestu nebandla. Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.