Ngoko ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kwiNkosi uYesu, nangothando eninalo kubo bonke abangcwele. Andiphezi ukubulela ngenxa yenu, xa ndinikhumbula emithandazweni yam; ukuze uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle; Akhanyiselwe amehlo engqondo yakho; ukuze nilazi ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bozuko lwelifa lakhe phakathi kwabangcwele; nokuba buyintoni na ubukhulu bamandla akhe kuthi bakholwayo, ngokokusebenza kwamandla akhe amakhulu; awayenzayo ekuKristu, ekumvuseni kwabafileyo, wammisa ngasekunene kwakhe kwezasezulwini iindawo; ngaphezu kwabo bonke ubulawuli, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elibizwayo, kungabi kweli hlabathi lodwa, kwanakwelo lizayo; Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko yezinto zonke kulo ibandla. Lingumzimba wakhe ke lowo, ozalise konke ngako konke.
Funda Kwabase-Efese 1
Share
Compare All Versions: Kwabase-Efese 1:15-23
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos