KWABASE-EFESE 1:15-23
KWABASE-EFESE 1:15-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, àndiphezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikhumbula emithandazweni yam, ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle; nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele; nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo, angokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe, awakusebenza kuye uKristu, ekumvuseni kwakhe kwabafileyo; waza wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo, ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo. Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla, lona lingumzimba wakhe, ukuzala ke oko kozizalisayo izinto zonke ngako konke.
KWABASE-EFESE 1:15-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo, andiphezi ukumbulela uThixo ngenxa yenu, xa ndinikhumbulayo emthandazweni. Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi. Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe, nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa wavusa ngawo uKrestu ekufeni, waza wamthwesa ubukhosi ezulwini. Ngenxa yobo bukhosi wongamele lonke ulawulo, negunya, nawo onke amandla nobukhosi. Ubukhosi bakhe bungaphezu kwawo onke amawonga obungangamsha nawo onke amagama anokukhankanywa kweli lizwe nakwelizayo. Izinto zonke uThixo uzibeke phantsi kolawulo lukaKrestu, waza wammisela wayintloko yezinto zonke ebandleni. Ibandla ke lingumzimba kaKrestu, liphuphuma bubukho bakhe lowo uphuphuma ubukho bukaThixo.
KWABASE-EFESE 1:15-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kwiNkosi uYesu, nangothando eninalo kubo bonke abangcwele. Andiphezi ukubulela ngenxa yenu, xa ndinikhumbula emithandazweni yam; ukuze uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle; Akhanyiselwe amehlo engqondo yakho; ukuze nilazi ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bozuko lwelifa lakhe phakathi kwabangcwele; nokuba buyintoni na ubukhulu bamandla akhe kuthi bakholwayo, ngokokusebenza kwamandla akhe amakhulu; awayenzayo ekuKristu, ekumvuseni kwabafileyo, wammisa ngasekunene kwakhe kwezasezulwini iindawo; ngaphezu kwabo bonke ubulawuli, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elibizwayo, kungabi kweli hlabathi lodwa, kwanakwelo lizayo; Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko yezinto zonke kulo ibandla. Lingumzimba wakhe ke lowo, ozalise konke ngako konke.
KWABASE-EFESE 1:15-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngenxa yoku nam, ndakuva inkolo eninayo KWINKOSI u‐Yesu, notando lwenu olungakubo bonke abangcwele, andipezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikankanya nje emitandazweni yam; ukuba UTIXO WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, UYISE wobungcwalisa, aninike UMOYA wobulumko nesityilo, ekumazini yena; amehlo engqondo yenu ekanyiselwe nje, ukuba nazi into liyiyo itemba lobizo lwake, nento buyiyo ubutyebi bobungcwalisa belifa lake pakati kwabo abangcwele, nento buyiyo ubukulu obudluliseleyo bamandla ake ngakuti tina sikolwayo, ngokwokusebenza kwamandla obomelelo bake, oko wakusebenzayo ku‐Kristu, akumvusa kwabafileyo; waza wamhlalisa kwesokunene sake kwezasezulwini indawo, pezulu pezu kwabo bonke ubupati, negunya, namandla, nobukosi, nawo onke amagama abizwayo, kungekwelilizwe likoyo lodwa, kukwelo liza kuza nalo; wabeka pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake; wamnika abe yintloko pezu kwezinto zonke kwiṙemente, eti yona ingumzimba wake, ubuzala balowo uzalisayo konke ngako konke.