Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASE-EFESE 1:15-23

KWABASE-EFESE 1:15-23 XHO96

Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo, andiphezi ukumbulela uThixo ngenxa yenu, xa ndinikhumbulayo emthandazweni. Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi. Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe, nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa wavusa ngawo uKrestu ekufeni, waza wamthwesa ubukhosi ezulwini. Ngenxa yobo bukhosi wongamele lonke ulawulo, negunya, nawo onke amandla nobukhosi. Ubukhosi bakhe bungaphezu kwawo onke amawonga obungangamsha nawo onke amagama anokukhankanywa kweli lizwe nakwelizayo. Izinto zonke uThixo uzibeke phantsi kolawulo lukaKrestu, waza wammisela wayintloko yezinto zonke ebandleni. Ibandla ke lingumzimba kaKrestu, liphuphuma bubukho bakhe lowo uphuphuma ubukho bukaThixo.