KwabaseKolose 3:1-4

KwabaseKolose 3:1-4 CXB24

Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni. Kaloku nafa, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKrestu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.