KWABASEKOLOSE 3:1-4
KWABASEKOLOSE 3:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
KWABASEKOLOSE 3:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Njengoko kaloku navuswa kunye noKrestu, yibani nomdla kwizinto zasezulwini, apho akhoyo uKrestu, ehleli kwiwonga alinikwe nguThixo. Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba. Kaloku nafa; ngoko ke ubomi benu busafihlakele kunye noKrestu kuThixo. UKrestu bubomi benu; ngoko ke, akubonakaliswa yena, nani niya kubonakala ningoomaqhuzu kunye naye.
KWABASEKOLOSE 3:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni. Kaloku nafa, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKrestu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
KWABASEKOLOSE 3:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UKUBA ngoko nibe nivuswa kunye no‐Kristu, funani izinto ezipezulu, apo u‐Kristu akona, ehleli ngasekunene KWOTIXO. Nyamekelani izinto ezipezulu, ninganyamekeli izinto ezisemhlabeni. Ngokuba nafayo, nobomi benu bona bufihlelwe kunye no‐Kristu KUTIXO. Okuya u‐Kristu, obubomi betu, uya kubonakaliswa, niya kwandula oko nani nibonakaliswe kunye naye ebungcwaliseni.