KwabaseKolose KwabaseKolose 3
KwabaseKolose 3
1Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. 2Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni. 3Kaloku nafa, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKrestu kuye uThixo. 4Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. 5Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; uhenyuzo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; 6eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; 7enanifudula nihamba kuzo nani, oko nibe nisidla ubomi nikuzo. 8Kodwa ke ngoku nani zilahleni zonke ezi zinto; ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. 9Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe; 10nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; 11apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke. 12Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo; 13ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. 14Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. 15Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. 16Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. 17Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise. 18Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele eNkosini. 19Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi krakra ngakubo. 20Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi. 21Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo. 22Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo; 23Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; 24nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu. 25Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; akukho kukhetha buso bamntu.
Currently Selected:
KwabaseKolose KwabaseKolose 3: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.