Kwathi ngengomso, akufika uAgripa enoBhernike, benobukhazikhazikhazi obukhulu, bangene kwindawo yetyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngokomlomo kaFesto. Wathi ke uFesto, Agripa, kumkani, nani nonke madoda akhoyo apha kunye nathi, niyayibona le ndoda, ethe yonke inkitha yamaYuda yandenzela yona naseYerusalem nalapha, ibhomboloza isithi, akafanele kuphila, hayi kwaphela. Kodwa ndithe ndakufumana ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, nokuba yena ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye, endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo; Kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.
Funda iZenzo 25
Share
Compare All Versions: iZenzo 25:23-27
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos