Ngengomso uAgripa noBhernike bangena bewongekile apho enkundleni, benabaphathi-mkhosi namadoda aphambili apho edolophini. UFesto wathi makubizwe uPawulos, waza ke wangeniswa. UFesto wathetha wathi: “Kumkani Agripa, nani nonke nina nikhoyo apha, le ndoda niyibona apha ikhalazelwa ngawo onke amaJuda, apha naseJerusalem. Athi ayisafanelanga kudla bomi. Kodwa mna andifumananga nto ingáyenza igwetyelwe ukufa. Nangenxa yokuba yona ngokwayo ibhenele kuKhesare, nam ke ndigqiba ukuba ndiyithumele kuye. Kodwa andikabi nayo inkcazelo ezeleyo endingayenzela uKhesare ngayo. Kungoko ke ndiyizise apha phambi kwenu, ngakumbi wena, kumkani Agripa, ukuze sithi emva kokulivavanya eli tyala layo, ndikwazi ukubhala ngalo. Kuba kum ayiqondakali into yokuba ndithumele umbanjwa zingacacanga izityholo abekwa zona.”
Funda UMSEBENZI WABATHUNYWA 25
Share
Compare All Versions: UMSEBENZI WABATHUNYWA 25:23-27
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos