Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto. Wathi uFesto, Agripa kumkani, nani nonke madoda akhoyo nathi, niyambona lo mntu, ethe yonke inkitha yamaYuda yasingisa kum ngaye, naseYerusalem nalapha, ibhomboloza kakhulu isithi, akasafanele kudla ubomi; mna ke ndithe ndakùqonda ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, akubon' ukuba naye ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye, endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzisé phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon' ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo; kuba kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.
Funda IZENZO 25
Share
Compare All Versions: IZENZO 25:23-27
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos