Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe kuwe? Wathi, Uyasazi na isiGrike? Asinguye na laa mYiputa, wathi ngaphambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhokelela entlango amawaka amane amadoda angababulali? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako. Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi
Funda iZenzo 21
Share
Compare All Versions: iZenzo 21:37-40
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos