Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iZenzo 21:37-40

iZenzo 21:37-40 CXB24

Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe kuwe? Wathi, Uyasazi na isiGrike? Asinguye na laa mYiputa, wathi ngaphambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhokelela entlango amawaka amane amadoda angababulali? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako. Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi