Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMSEBENZI WABATHUNYWA 21:37-40

UMSEBENZI WABATHUNYWA 21:37-40 XHO96

Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?” Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike? Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?” Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.” Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi