IZENZO 21:37-40
IZENZO 21:37-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheliwaka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe into kuwe? Wathi ke yena, Uyasazi na isiGrike? Akunguye na kanene laa mYiputa, wathi phambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhukulisela entlango laa madoda angamawaka amané azizigebenga? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumntu ongumYuda waseTarso, umntu okowabo lingumzi ongadume ngako welaseKiliki; ndiyakucela ke, ndivumele ndikhe ndithethe kubo abantu. Ke kaloku, akubon' ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Kwakuthiwa cwaka kakhulu, wadanduluka ngentetho yesiHebhere, esithi
IZENZO 21:37-40 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?” Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike? Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?” Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.” Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi
IZENZO 21:37-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe kuwe? Wathi, Uyasazi na isiGrike? Asinguye na laa mYiputa, wathi ngaphambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhokelela entlango amawaka amane amadoda angababulali? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako. Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi

IZENZO 21:37-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Paulusi esakungeniswa elalini yamasodati wati kwinkosiwaka: Ndingateta into kuwe kusinina? Yati ke yona: Uyakwazi ukuteta ngesi‐Girike na? akunguye na kambe lowam‐Jipete owati ngapambili kwezintsuku wenza impitimpiti, wakokela ngasentlango lomadoda amawaka mane abengabagwazi? Kodwa wati u‐Paulusi: Mna ndingumntu ongum‐Juda, um‐Tarese, umhlali wesixeko esingesesingenaludumo sase‐Silisiya: ndiyakukunga ke, ndivumele ukuba nditete kubo abantu. Kekaloku yakuba imvumele, u‐Paulusi, emi pezu kwezinyukelo, wakoba ngesandla ebantwini. Kwati kwakutwa cwaka kakulu, wateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, esiti