Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Izenzo zabapostile 21:37-40

Izenzo zabapostile 21:37-40 XHO1902A

Waza u‐Paulusi esakungeniswa elalini yamasodati wati kwinkosiwaka: Ndingateta into kuwe kusinina? Yati ke yona: Uyakwazi ukuteta ngesi‐Girike na? akunguye na kambe lowam‐Jipete owati ngapambili kwezintsuku wenza impitimpiti, wakokela ngasentlango lomadoda amawaka mane abengabagwazi? Kodwa wati u‐Paulusi: Mna ndingumntu ongum‐Juda, um‐Tarese, umhlali wesixeko esingesesingenaludumo sase‐Silisiya: ndiyakukunga ke, ndivumele ukuba nditete kubo abantu. Kekaloku yakuba imvumele, u‐Paulusi, emi pezu kwezinyukelo, wakoba ngesandla ebantwini. Kwati kwakutwa cwaka kakulu, wateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, esiti