KaYohane 1 KaYohane 1 – 3
KaYohane 1 – 3
1Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. 2Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo. 3Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu. 4Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho, kuba isono sikukwaphula umthetho. 5Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye. 6Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazi nokumazi. 7Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa. 8Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wona kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi. 9Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono; ngokuba imbewu yakhe ihleli kuye; kanjalo akanakona, ngokuba ezelwe nguThixo. 10Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. 11Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane; 12singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Yini na ukuba ambulale? Ngokuba eyakhe imisebenzi ibingendawo, ke yona eyomninawa ibinobulungisa. 13Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile. 14Siyazi ke ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni. 15Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso. 16Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu. 17Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe? 18Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; kodwa ngezenzo nangenyaniso. 19Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe. 20Kaloku ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke. 21Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo; 22nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe. 23Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho. 24Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kuye. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.
Currently Selected:
KaYohane 1 KaYohane 1 – 3: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.