Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Vumelani ubulungisa, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho ukuba nidane. Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? beza benamzimba mni na? Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife; Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; Kodwa uThixo ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. Kukho nemizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni; kodwa ubuqaqawuli bowasezulwini bunye, bubodwa ubuqaqawuli bowasemhlabeni. Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli. Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Uhlwayelwa unokonakala; luvuswa lungenakonakala; Uhlwayelwa uswele imbeko; Uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unobuqaqawuli; luvuka lusemandleni; Kuhlwayelwa umzimba wemvelo; kuvuka umzimba womoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya, kwandule ke oko koMoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu ke, iNkosi, uphume emazulwini. Njengoko enjalo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abo basemazulwini. Njengoko sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Niyabona, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; Asiyi kulala sonke, kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke; Ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela; kuba liya kukhala ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? luphi na, bethuna, uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu. Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.