Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEKORINTE I 15:33-58

KWABASEKORINTE I 15:33-58 XHO75

Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane. Wósuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na? Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife. Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungáthi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli bezasezulwini, bubodwa obezasemhlabeni. Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli. Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala. Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla; kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini; njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senzìwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi,• uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu. Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.