Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEKORINTE I 15:33-58

KWABASEKORINTE I 15:33-58 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Vumelani ubulungisa, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho ukuba nidane. Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? beza benamzimba mni na? Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife; Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; Kodwa uThixo ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. Kukho nemizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni; kodwa ubuqaqawuli bowasezulwini bunye, bubodwa ubuqaqawuli bowasemhlabeni. Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli. Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Uhlwayelwa unokonakala; luvuswa lungenakonakala; Uhlwayelwa uswele imbeko; Uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unobuqaqawuli; luvuka lusemandleni; Kuhlwayelwa umzimba wemvelo; kuvuka umzimba womoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya, kwandule ke oko koMoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu ke, iNkosi, uphume emazulwini. Njengoko enjalo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abo basemazulwini. Njengoko sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Niyabona, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; Asiyi kulala sonke, kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke; Ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela; kuba liya kukhala ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? luphi na, bethuna, uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu. Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.

KWABASEKORINTE I 15:33-58 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane. Wósuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na? Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife. Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungáthi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli bezasezulwini, bubodwa obezasemhlabeni. Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli. Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala. Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla; kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini; njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senzìwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi,• uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu. Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.

KWABASEKORINTE I 15:33-58 IBHAYIBHILE (XHO96)

Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.” Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane. Mhlawumbi omnye uya kubuza athi: “Bavuka kanjani na abafileyo? Bavuka benomzimba onjani na?” Siyathandini, akwazi ukuba imbewu oyityalileyo ayintshuli ingakhange ife kuqala? Le nto uyityalayo ayisiso isithombo, kodwa yimbewu nje, nokuba yeyengqolowa okanye olunye uhlobo. Imbewu nganye uThixo uyinika isimo esiyifaneleyo ngokuthanda kwakhe. Inyama yezinto eziphilayo ayifani; ikho eyabantu, ikho neyezilwanyana, neyeentaka ikhona, kanti ikwakho neyeentlanzi. Xa iyonke ke ayifani. Ukumila nesithomo sezidalwa ezisezulwini kwahlukile. Ezasezulwini zinobuhle nesidima esisodwa, kanti nezasemhlabeni zinobuhle nesidima esahlukileyo. Ilanga linobuqaqawuli balo lodwa, nenyanga inobuqaqawuli obubodwa, kanti neenkwenkwezi zinobuqaqawuli obahlukileyo, kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye ngokuqaqamba. Kukwanjalo ke nakuvuko lwabafileyo. Njengokuba umzimba ungcwatywa unako ukonakala, uvuka ungasenakonakala. Ungcwatywa uthobekile, uvuka unobuqaqawuli; ungcwatywa ubuthathaka, uvuka unamandla. Kungcwatywa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowoMoya. Njengokuba ukho nje umzimba ongowemvelo, kucacile ukuba ukho nomzimba ongowoMoya. Kuba *iziBhalo zithi umntu wokuqala, uAdam, waba ngumntu odla ubomi, yena ke owokugqibela uAdam waba nguMoya odlisa ubomi. Akuqali okoMoya, kodwa kuqala okwemvelo, kuze kulandele ke okoMoya. Owokuqala umntu wenziwa ngothuli lomhlaba, ungowomhlaba; yena owesibini uMntu waphuma ezulwini. Abasemhlabeni abantu bafana naloo mntu wenziwa ngomhlaba; kanti ke abasezulwini abantu bafana naloo Mntu wavela ezulwini. Njengokuba sifuze loo mntu wenziwa ngomhlaba, ngokunjalo siya kumfuza naloo Mntu weza ephuma ezulwini. Xa nditshoyo ke, mawethu, ndithi into eyenziwe ngenyama negazi ayinakubudla ilifa ubuncwane bokulawulwa nguThixo, kwaneyonakalayo ayinakungonakali. Mandinazise le nto benikade ningayazi: Asiyi kufa sonke; kodwa ngesiquphe, ngephanyazo, siya kwenziwa kumila kumbi sonke, xa kukhala ixilongo lokugqibela. Kuba liya kuvakala ixilongo; abafileyo baya kuvuswa sebenemo engasenakufa, senziwe kumila kumbi sonke. Kuba le mo sikuyo yonakalayo, imelwe kukwambatha imo engonakaliyo; le mvelo ifayo, yambathe ukungafi. Xa ke le mo yonakalayo seyambethe ukungonakali, naxa le mvelo ifayo seyambethe ukungafi, iya kuzalisekiswa ke le ndawo yeziBhalo ithi: “Ukufa kubhangisiwe; ukufa kufincelelwe eloyisweni.” “Kufa luphi na uloyiso lwakho? Kufa luphi na ulwamvila lwakho?” Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu! Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

KWABASEKORINTE I 15:33-58 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Vumelani ubulungisa, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho ukuba nidane. Wosuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? beza benamzimba mni na? Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife; Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungathi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo; Kodwa uThixo ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka. Kukho nemizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni; kodwa ubuqaqawuli bowasezulwini bunye, bubodwa ubuqaqawuli bowasemhlabeni. Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli. Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Uhlwayelwa unokonakala; luvuswa lungenakonakala; Uhlwayelwa uswele imbeko; Uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unobuqaqawuli; luvuka lusemandleni; Kuhlwayelwa umzimba wemvelo; kuvuka umzimba womoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya, kwandule ke oko koMoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu ke, iNkosi, uphume emazulwini. Njengoko enjalo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abo basemazulwini. Njengoko sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Niyabona, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; Asiyi kulala sonke, kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke; Ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela; kuba liya kukhala ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? luphi na, bethuna, uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho. Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu. Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.

KWABASEKORINTE I 15:33-58 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani ngokulungileyo, nize ningoni; ngokuba inxenye bengenakumazi UTIXO: ndiyateta oku nize nibe nentloni. Koko kuya kuti umntu: Batiwa nina abafileyo ukuvuswa? kanjako bayeza ngomzimba onjanina? Sidenge! lonto uyihlwayelayo wena ayenzelwa ubomi, xeshekweni ingafi: nalonto uyihlwayelayo, akuhlwayeli esosibili esiya kubako, koko uhlwayela ukozo lulodwa, kungaba lolwenqolowa, umhlaumbi lolwenye yezinye imbewu: kodwa UTIXO uyanika kulo isibili njengokuba etandile, nakuzo zonke imbewu ngezinye ezazo izibili. Yonke inyama ayikwa yiyo yona inyama: koko kuko enye inyama yabantu, enye inyama yenkomo, enye yentlanzi, enye yentaka. Kuko kanjalo imizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni: koko ubungcwalisa beyasezulwini buyinto eyodwa, nobeyasemhlabeni buyinto eyimbi. Kuko obunye ubungcwalisa belanga, nobunye ubungcwalisa benyanga, nobunye ubungcwalisa benkwenkwezi: ngokuba inkwenkwezi isahluka kwinkwenkwezi ngobungcwalisa. Kukwa njalo nokuvuka kwabafileyo. Uyahlwayelwa ekuboleni; uyavuswa ekungabolini: uyahlwayelwa ekudelekeni; uyavuswa ebungcwaliseni: uyahlwayelwa ebutatakeni; uyavuswa emandleni: uyahlwayelwa ungumzimba obupefumlo; uyavuswa ungumzimba obumoya. Kuko umzimba obupefumlo; kuko kanjako umzimba obumoya. Kwa njalo ke kuba̔liwe ukuti: Owokuqala umntu u‐Adame waba ngumpefumlo obudla ubomi; owokugqibela u‐Adame waba ngumoya obunika ubomi. Kuloko okubumoya kungekokwokuqala, kukokubupefumlo; okubumoya kokwasemva. Owokuqala umntu uvela emhlabeni, ebuhlabati; owesibini umntu, INKOSI, uvela ezulwini. Into uyiyo obuhlabati, bakwa yinto enjalo ababuhlabati nabo: kanjako into uyiyo owasezulwini, bakwa yinto enjalo abasezulwini nabo. Nanjengokuba siwutwele umfanekiso wake obuhlabati, sowutwala nomfanekiso wake owasezulwini. Kodwa oku ndiyakutsho, bazalwana! ukuba yona inyama negazi ayingelidle ilifa lobukumkani BUKATIXO; kanjako ukubola akulidli ilifa lokungaboli. Bona ke, ndiyanixelela imfihlakalo: Asiyi kulala kukufa sonke, kodwa siya kuguqulwa sonke, ngesiqupe, ngepanyazo leliso, ngexilongo lokugqibela: ngokuba ixilongo liya kuhlokoma, baye abafileyo beya kuvuswa bengenakubola, nati siya kuguqulwa. Ngokuba oku okubolayo kufanele ukuba kwambate ukungaboli, noku okufayo ukuba kwambate ukungafi. Kekaloku okuya oku okubolayo kwambete ukungaboli, nokuya oku okufayo kwambete ukungafi, kuya kwandula kwenzeka elozwi liba̔liweyo ukuti: Ukufa kuginyelwe elwoyisweni. Lupina, Kufa! ulwavila lwako? Lupina, Hadesi! ulwoyiso lwako? Kekaloku ulwavila lwokufa, sisono; namandla esono, ngumteto. Kodwa makubulelwe KUTIXO, osinikayo ulwoyiso ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo! yibani niqinile, ningenakushenxiswa, nikolisa ukwanda emsebenzini WENKOSI ngamaxesha onke, nisazi nje ukuba umzamo wenu awuyinto engendawo ENKOSINI.