Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani ngokulungileyo, nize ningoni; ngokuba inxenye bengenakumazi UTIXO: ndiyateta oku nize nibe nentloni.
Koko kuya kuti umntu: Batiwa nina abafileyo ukuvuswa? kanjako bayeza ngomzimba onjanina? Sidenge! lonto uyihlwayelayo wena ayenzelwa ubomi, xeshekweni ingafi: nalonto uyihlwayelayo, akuhlwayeli esosibili esiya kubako, koko uhlwayela ukozo lulodwa, kungaba lolwenqolowa, umhlaumbi lolwenye yezinye imbewu: kodwa UTIXO uyanika kulo isibili njengokuba etandile, nakuzo zonke imbewu ngezinye ezazo izibili. Yonke inyama ayikwa yiyo yona inyama: koko kuko enye inyama yabantu, enye inyama yenkomo, enye yentlanzi, enye yentaka. Kuko kanjalo imizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni: koko ubungcwalisa beyasezulwini buyinto eyodwa, nobeyasemhlabeni buyinto eyimbi. Kuko obunye ubungcwalisa belanga, nobunye ubungcwalisa benyanga, nobunye ubungcwalisa benkwenkwezi: ngokuba inkwenkwezi isahluka kwinkwenkwezi ngobungcwalisa.
Kukwa njalo nokuvuka kwabafileyo. Uyahlwayelwa ekuboleni; uyavuswa ekungabolini: uyahlwayelwa ekudelekeni; uyavuswa ebungcwaliseni: uyahlwayelwa ebutatakeni; uyavuswa emandleni: uyahlwayelwa ungumzimba obupefumlo; uyavuswa ungumzimba obumoya. Kuko umzimba obupefumlo; kuko kanjako umzimba obumoya. Kwa njalo ke kuba̔liwe ukuti: Owokuqala umntu u‐Adame waba ngumpefumlo obudla ubomi; owokugqibela u‐Adame waba ngumoya obunika ubomi. Kuloko okubumoya kungekokwokuqala, kukokubupefumlo; okubumoya kokwasemva. Owokuqala umntu uvela emhlabeni, ebuhlabati; owesibini umntu, INKOSI, uvela ezulwini. Into uyiyo obuhlabati, bakwa yinto enjalo ababuhlabati nabo: kanjako into uyiyo owasezulwini, bakwa yinto enjalo abasezulwini nabo. Nanjengokuba siwutwele umfanekiso wake obuhlabati, sowutwala nomfanekiso wake owasezulwini.
Kodwa oku ndiyakutsho, bazalwana! ukuba yona inyama negazi ayingelidle ilifa lobukumkani BUKATIXO; kanjako ukubola akulidli ilifa lokungaboli. Bona ke, ndiyanixelela imfihlakalo: Asiyi kulala kukufa sonke, kodwa siya kuguqulwa sonke, ngesiqupe, ngepanyazo leliso, ngexilongo lokugqibela: ngokuba ixilongo liya kuhlokoma, baye abafileyo beya kuvuswa bengenakubola, nati siya kuguqulwa. Ngokuba oku okubolayo kufanele ukuba kwambate ukungaboli, noku okufayo ukuba kwambate ukungafi.
Kekaloku okuya oku okubolayo kwambete ukungaboli, nokuya oku okufayo kwambete ukungafi, kuya kwandula kwenzeka elozwi liba̔liweyo ukuti: Ukufa kuginyelwe elwoyisweni. Lupina, Kufa! ulwavila lwako? Lupina, Hadesi! ulwoyiso lwako? Kekaloku ulwavila lwokufa, sisono; namandla esono, ngumteto. Kodwa makubulelwe KUTIXO, osinikayo ulwoyiso ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo! yibani niqinile, ningenakushenxiswa, nikolisa ukwanda emsebenzini WENKOSI ngamaxesha onke, nisazi nje ukuba umzamo wenu awuyinto engendawo ENKOSINI.