U‐Rute 4:9-11

U‐Rute 4:9-11 XHO1902A

Waza u‐Bohazi wati kubo abadala nabo bonke abantu: Ningamanqi̔na nina namhla, okuba nditengile konke okube kukokuka‐Elimeleki, nako konke okube kukokuka‐Kiliyone nokuka‐Mahalone, esandleni sika‐Nahomi. Nakanjako u‐Rute um‐Mowabikazi, umfazi ka‐Mahalone, ndimtengile abe ngumfazi wam, ukuvusa igama lofileyo pezu kwelifa lake, ukuze igama lofileyo linganqanyulwa kubo abazalwana bake, nasesangweni lomzi wake: ningamanqi̔na nina namhla. Baza bati bonke abantu abebesesangweni, nabadala: Singamanqi̔na. UYEHOVA makenze lomfazi, ongenileyo endlwini yako, njengo‐Rakele nanjengo‐Leya, abati bobabini bayaka indlu ka‐Sirayeli: mauti wena wenze ubutyebi e‐Eferata, uzuze igama e‐Beteleheme