Soti nina ngoko ngezizinto? Ukuba UTIXO ungecala letu, ngubanina oya kwalana nati? Lowo ke ongamyekanga owake unyana, koko wamnikelayo ngenxa yetu sonke, kungati nina ukuba akayi kusipa nakunye naye izinto zonke? Ngubanina oya kumisa ityala ngakubo abaqashwa BAKATIXO? UTIXO nguye ogwebelayo; ngubanina lowo ugwebayo? U‐Kristu nguye owafayo, ewe pezu kwoku, obuye wavuka kanjalo, okwa ngasekunene KWOTIXO, ositetelelayo kanjako. Ngubanina oya kusahlula elutandweni luka‐Kristu? yimbandezelo na, bubunzima na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuzé na, yingozi na, liṙele na? Njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yako siyabulawa imini yonke; sasibalwa ngokuba zigusha zokuxe̔lwa. Kuloko kwezizinto zonke sigqitisile nasekwoyiseni ngaye lowo wasitandayo. Ngokuba ndikoliwe ukuba kwa nokufa, nobomi, nengelosi, nabanegunya, nabanamandla, nezinto ezikoyo, nezinto eziza kubako, nobude, nobunzulu, nesinye isidalwa esisimbi, aziyi kuba nako ukuba zingasahlula elutandweni LUKATIXO, olukuye u‐Kristu Yesu INKOSI yetu.
Funda Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:31-39
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo