Uphawu lweYouVersion
IBhayibhileIzicwangcisoIividiyo
Fumana i-app
Isikhethi Solwimi
Khetha Uphawu

KWABASEROMA 8:31-39

KWABASEROMA 8:31-39 - Síthini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angáthini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo? Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

Ngenxa yakho sibulawa imini yonke;
Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa.
(INdum. 44:22)

Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

Síthini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angáthini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo? Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa. (INdum. 44:22) Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 8:31-39

KWABASEROMA 8:31-39
I-YouVersion

Inkuthazo nomceli mngeni wokufuna usondelelwano noThixo, yonke imihla.

Inkonzo

Malunga

Imisebenzi

Volontiya

Ibhlogi

Cinezela

Amakhonco aluncedo

Uncedo

Nikela

Iinguqulelo zeBhayibhile

IiBhayibhile ezirekhodiweyo

Iilwimi zeBhayibhile

Ivesi yoLusuku


Inkonzo edijithali ka

Life.Church
English (US)

©2025 Life.Church / YouVersion

Umgaqo-Nkqubo WezabucalaImigaqo
Isibhengezo zokubasemngciphekweni
uFacebookTwitterInstagramYouTubePinterest

Ekuqaleni

IBhayibhile

Izicwangciso

Iividiyo