KwabaseRoma 8:31-39

KwabaseRoma 8:31-39 CXB24

Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? nguThixo ogwebelayo. Ngubani na ogwebayo? nguKristu owafayo, wathi ngaphezu koko, wabuya wavuka, ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo. Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengoko kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje. Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nanto zizayo; Nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.