Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:1-18

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:1-18 XHO1902A

NGAKO kaloku akuko kugwetywa kwabo bakuye u‐Kristu Yesu, abati bangahambi ngokwenyama, koko bahambe ngo KWOMOYA. Ngokuba umteto WOMOYA wobomi kuye u‐Kristu Yesu undikululekisile kuwo umteto wesono nowokufa. Ngokuba oko umteto ubungenamandla ukukwenza, ekubeni ububutataka ngayo inyama, UTIXO etumile owake unyana ekufaneni kwenyama yesono, nangenxa yesono, wagweba isono enyameni; ukuze ummiso womteto uzalisekiswe kuti, tina siti singahambi ngokwenyama, koko sihambe ngo KWOMOYA. Ngokuba abo banjengokwenyama benyamekela izinto zenyama; kodwa abo banjengo KWOMOYA banyamekela izinto ZOMOYA. Ngokuba inyamekelo yenyama ikukufa; kodwa inyamekelo YOMOYA ibubomi noxolo. Ngokokuba inyamekelo yenyama ibutshaba ngakuye UTIXO: ngokuba ingalulameli emtetweni KATIXO, ingenje njalo kambe kanjako. Abo basenyameni ke abangemkolise UTIXO. Kodwa nina anisenyameni, koko ni KUMOYA, ukuba ke umoya KATIXO umi kuni. Kodwa ukuba umntu akanaye UMOYA ka‐Kristu, yena lo akangowake. Kekaloku ukuba u‐Kristu ukuni, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa umoya ububomi ngenxa yobulungisa. Nokuba UMOYA walowo wamvusayo u‐Yesu ekufeni umi kuni, yena owavusa u‐Kristu ekufeni woyidlisa ubomi kwa imizimba yenu enokufa ngaye UMOYA wake omiyo kuni. Ngako ke, bazalwana! singabanetyala, kungekuyo inyama, ukuba sihlale ngokwenyama. Ngokuba niza kuti, ukuba niyahlala ngokwenyama, nife; kodwa, ukuba niti NGOMOYA nibulale izenzo zomzimba, niya kudla ubomi. Ngokuba bonke abakokelwayo NGUMOYA KATIXO, bona aba bangonyana BAKATIXO. Ngokuba ningawamkelanga umoya wobukoboka kubuye koyikwe; koko nawamkelayo umoya wobunyana, esiti kwa kuwo sibize ngokuti: Aba. Bawo! Yena UMOYA ngokwake uyanqi̔nelana nomoya wetu, okokuba silusapo LUKATIXO. Kekaloku ukuba silusapo, sizindlalifa kanjalo; sizindlalifa KATIXO, nendlalifa kunye no‐Kristu; ukuba ke siyeva intlungu kunye naye, ukuze senzelwe ubungcwalisa kwa kunye naye. Ngokuba nditelekelelisa ukuba intlungu zelixesha lakaloku nje aziluto zakulinganiswa nobobungcwalisa buza kutyilwa kuti.