Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KwabaseRoma 8:1-18

KwabaseRoma 8:1-18 CXB24

Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa. Kuba oko wawungenako umthetho, ngenxa yokuba uswele amandla ngayo inyama, uThixo wamthuma owakhe uNyana, ekwimeko yenyama enesono, ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni; ukuze ubulungisa bomthetho buzaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama, sihamba ngokoMoya. Abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zoMoya. Kaloku ukunyameka kwenyama ikukufa; ke ukunyamekela ezoMoya bubomi noxolo. Kaloku ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo, kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo. Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo. Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa. Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu. Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila. Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo. Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele uMoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngaye sithi, Abha, Bawo. uMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye. Ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.