KWABASEROMA 8:1-18
KWABASEROMA 8:1-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa. Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo; ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya. Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni. Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo. Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo. Ke nina anikwinyama; nikuMoya, ukuba kumi okunene uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo. Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa. Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu. Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila. Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo. Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkéle umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha,• Bawo. UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye. Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.
KWABASEROMA 8:1-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa. Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi. Le nto uThixo uyenzele ukuze injongo yomthetho izalisekiswe kuthi, thina singaphiliyo ngokwesimo esonakeleyo, koko siphila ngokoMoya. Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya. Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni. Abo banyamekela izinto zesimo esonakeleyo baziintshaba zikaThixo, kuba kaloku abawuthobeli umthetho wakhe. Kakade abanako ukuyenza loo nto. Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke. Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ke umntu ongenaye uMoya kaKrestu akangokaKrestu. Ukuba uKrestu ukho kuni, nangona umzimba ufile ngenxa yesono, uMoya yena uninika ubomi. Kaloku nenziwe amalungisa. Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni. Ngoko ke, mawethu, masingakholisi isimo sethu esonakeleyo. Kuba xa niphila ngokweso simo, niya ekufeni; kodwa ukuba niyazitshitshisa ngamandla oMoya izenzo ezibi zomzimba, niya kudla ubomi. Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo. UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo. UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwaziindlalifa zikaThixo. Ewe, siziindlalifa kunye noKrestu, kuba kaloku siva ubunzima kunye naye, siphinde siwongwe kwakunye naye. Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla
KWABASEROMA 8:1-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa. Kuba oko wawungenako umthetho, ngenxa yokuba uswele amandla ngayo inyama, uThixo wamthuma owakhe uNyana, ekwimeko yenyama enesono, ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni; ukuze ubulungisa bomthetho buzaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama, sihamba ngokoMoya. Abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zoMoya. Kaloku ukunyameka kwenyama ikukufa; ke ukunyamekela ezoMoya bubomi noxolo. Kaloku ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo, kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo. Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo. Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa. Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu. Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila. Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo. Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele uMoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngaye sithi, Abha, Bawo. uMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye. Ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.
KWABASEROMA 8:1-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGAKO kaloku akuko kugwetywa kwabo bakuye u‐Kristu Yesu, abati bangahambi ngokwenyama, koko bahambe ngo KWOMOYA. Ngokuba umteto WOMOYA wobomi kuye u‐Kristu Yesu undikululekisile kuwo umteto wesono nowokufa. Ngokuba oko umteto ubungenamandla ukukwenza, ekubeni ububutataka ngayo inyama, UTIXO etumile owake unyana ekufaneni kwenyama yesono, nangenxa yesono, wagweba isono enyameni; ukuze ummiso womteto uzalisekiswe kuti, tina siti singahambi ngokwenyama, koko sihambe ngo KWOMOYA. Ngokuba abo banjengokwenyama benyamekela izinto zenyama; kodwa abo banjengo KWOMOYA banyamekela izinto ZOMOYA. Ngokuba inyamekelo yenyama ikukufa; kodwa inyamekelo YOMOYA ibubomi noxolo. Ngokokuba inyamekelo yenyama ibutshaba ngakuye UTIXO: ngokuba ingalulameli emtetweni KATIXO, ingenje njalo kambe kanjako. Abo basenyameni ke abangemkolise UTIXO. Kodwa nina anisenyameni, koko ni KUMOYA, ukuba ke umoya KATIXO umi kuni. Kodwa ukuba umntu akanaye UMOYA ka‐Kristu, yena lo akangowake. Kekaloku ukuba u‐Kristu ukuni, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa umoya ububomi ngenxa yobulungisa. Nokuba UMOYA walowo wamvusayo u‐Yesu ekufeni umi kuni, yena owavusa u‐Kristu ekufeni woyidlisa ubomi kwa imizimba yenu enokufa ngaye UMOYA wake omiyo kuni. Ngako ke, bazalwana! singabanetyala, kungekuyo inyama, ukuba sihlale ngokwenyama. Ngokuba niza kuti, ukuba niyahlala ngokwenyama, nife; kodwa, ukuba niti NGOMOYA nibulale izenzo zomzimba, niya kudla ubomi. Ngokuba bonke abakokelwayo NGUMOYA KATIXO, bona aba bangonyana BAKATIXO. Ngokuba ningawamkelanga umoya wobukoboka kubuye koyikwe; koko nawamkelayo umoya wobunyana, esiti kwa kuwo sibize ngokuti: Aba. Bawo! Yena UMOYA ngokwake uyanqi̔nelana nomoya wetu, okokuba silusapo LUKATIXO. Kekaloku ukuba silusapo, sizindlalifa kanjalo; sizindlalifa KATIXO, nendlalifa kunye no‐Kristu; ukuba ke siyeva intlungu kunye naye, ukuze senzelwe ubungcwalisa kwa kunye naye. Ngokuba nditelekelelisa ukuba intlungu zelixesha lakaloku nje aziluto zakulinganiswa nobobungcwalisa buza kutyilwa kuti.