Amaculo 7
7
ICULO VII.
Ishigayone ka‐Davide owayivuma ku‐Yehova ngokwamazwi ka‐Kushe um‐Benjamine.
1YEHOVA, Tixo wam! ndiyatemba wena; ndisindise kubo bonke abandisukelayo, undikulule: 2hleze aqwenge umpefumlo wam njengengonyama; eṙazula, kungeko okululayo.
3 Yehova, Tixo wam! ukuba ndike ndenza lento; ukuba kuko inkohlakalo ezandleni zam; 4ukuba ndimvuzile obexolene nam ngobubi; ukuba ndimpangile owalana nam kungeko tuba; 5maluti utshaba lusukele umpefumlo wam, luwufumane; ewe, malunyatele ubomi bam kwa semhlabeni, nobungcwalisa bam malubulalise kwa selutulini. Sela.
6Vuka, Yehova! ngengqumbo yako; zipakamise ngenxa yobuṙalaṙume babo balana nam; zundivukele wenze ukugweba ukumiseleyo. 7Maiti intlanganiso yentlanga ikupahle; uze ngenxa yayo ubuyele pezulu ke. 8Uyehova uya kugweba izizwe: ndigwebele, Yehova! njengokwobulungisa bam, nanjengokwobunene bam obukum. 9Yanga ingapela inkohlakalo yabakohlakeleyo; uze olungileyo umqinise: ngokuba ulinga intliziyo nezintso, Tixo olungileyo!
10Ikaka lam likutixo, osindisayo abantliziyo zilungile. 11Utixo uyagwebela olungileyo, kanti okohlakeleyo utixo uyamqumbela ngemihla yonke. 12Nxa angaguqukiyo, wolola iṙele lake; usel’ etyedile isipeta sake, wasilungisa. 13Kanjalo umlungisele izixo̔bo zokufa; intolo zake uyazidalela abatshutshisi.
14Bona ke, umiti yinkohlakalo; ukaulile ububi, uzele ubuxoki. 15Wemba isigingqi, wasingxoka; weyela esihogweni owasenzayo. 16Ububi bake bobuyela pezu kweyake intloko; nobudlwengu bake bohlela elukakayini lwake.
17Ndiya kudumisa uyehova ngokufanele ubulungisa bake; ndoculela igama likayehova opezu kwonke.
Currently Selected:
Amaculo 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.