Amaculo 6
6
ICULO VI.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote ngokwesheminiti.
1YEHOVA! zungandohlwayi ngengqumbo yako, zungandibeti ngomsindo wako. 2Yehova! ndipate ngofefe; ngokuba ndicubukile: ndipilise, Yehova! ngokuba amatambo am enokutuswa; 3kwa nompefumlo wam unokutuswa kakulu: kodwa wena, Yehova! kwoba kade kangakananina? 4Buya, Yehova! kulula umpefumlo wam: ndisindise ngenxa yezibele zako. 5Ngokuba ekufeni kungeko ukukumbula wena: ngubanina oya kubulela kuwe encw̔abeni? 6Ndidiniwe kukugula kwam; bonke ubusuku ndiyadadisa umandlalo wam; ndiyanyela ikoye yam ngenyembezi zam. 7Iliso lam selonakele yinkatazo; liyalupala ngenxa yabo bonke abalane bam.
8Mkani kum, nonke nina benzi benkohlakalo! ngokuba uyehova evile ilizwi lokulila kwam. 9Uyehova uvile isikungo sam; uyehova uya kwamkela intandazo yam. 10Zonke intshaba zam zodaniswa, zituswe kakulu; zobuya zidaniswe ngesiqupe.
Currently Selected:
Amaculo 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.