NDAHLALA ndikangela KUYEHOVA; waza watobela kum, weva ukukala kwam. Wandinyusa emnxunyeni wentshabalalo, naseludongweni olubudaka, wamisa inyawo zam elulwalweni, waqinisa ukuhamba kwam. Wafaka iculo elitsha emlonyeni wam, kwa indumiso kuye UTIXO wetu: kwobonwa ngabaninzi, boyike, batembele kuye UYEHOVA. Hai itamsanqa lalomntu omisa UYEHOVA abe litemba lake; ongabeki abaner̔atshi, nabajikele elulwimini!
Funda Amaculo 40
Share
Compare All Versions: Amaculo 40:1-4
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos