IINDUMISO 40:1-4

Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam. Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam. Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova. Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo, Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!
IINDUMISO 40:1-4