IINDUMISO 40:1-4
IINDUMISO 40:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam. Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam. Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova. Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo, Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!
IINDUMISO 40:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndakhala ndijonge *kuNdikhoyo, wada wandiva ndakuzibika kuye. Wandikhupha emhadini onengozi, nasemgxobhozweni, wandibeka endaweni eyomileyo, ndatsho ndee ngxishishi, ndema. Wandifundisa ingoma yombongo entsha, ingoma yokubonga uThixo wethu. Boyika abaninzi bakuyiqonda loo nto, balibeka kuNdikhoyo ithemba labo. Hay' uyolo lomntu othembele ngoNdikhoyo, ongadlelaniyo nabanekratshi, abo banqula izithixo.
IINDUMISO 40:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndithembele kuYehova; Wathoba kum, wakuva ukuzibika kwam. Ubuye wandirhola emhadini woyikekayo, eludakeni, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wazimisa iindlela zam. Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, uzuko loThixo wethu; abaninzi baya kukubona oko, boyike, bakholose ngoYehova. Hayi, uyolo lomntu okholose ngoYehova, ongahloneliyo abanekratshi, ongaguqukiyo ebuxokini.
IINDUMISO 40:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDAHLALA ndikangela KUYEHOVA; waza watobela kum, weva ukukala kwam. Wandinyusa emnxunyeni wentshabalalo, naseludongweni olubudaka, wamisa inyawo zam elulwalweni, waqinisa ukuhamba kwam. Wafaka iculo elitsha emlonyeni wam, kwa indumiso kuye UTIXO wetu: kwobonwa ngabaninzi, boyike, batembele kuye UYEHOVA. Hai itamsanqa lalomntu omisa UYEHOVA abe litemba lake; ongabeki abaner̔atshi, nabajikele elulwimini!