NDOKUTANDA, YEHOVA, Mandla am! UYEHOVA uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam; UTIXO wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, nenyango yam. Ndobiza KUYEHOVA, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.
Intambo zokufa zandiṙaula, nemisinga yobunginingini yandoyikisa; intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela. Ebunzimeni bam ndabiza KUYEHOVA, ndakala KUTIXO wam: weva ilizwi lam esetempileni yake; nokukala kwam ebusweni bake kweza ezindlebeni zake. Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; namasekwa entaba ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile. Kwenyuka umsi empumlweni yake; nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo. Wagoba izulu, wehla: sasitokotoko pantsi kwenyawo zake. Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabaleka pezu kwamapiko omoya. Ubumnyama wabenza imfihlelo yake; intente yake yampahla, amanzi amnyama, amafu abungqingqwa ezulu. Ngenkazimlo epambi kwake kwadlula amafu ake, izico̔to, namalahle omlilo. UYEHOVA wadudumisa ezulwini; opezu kwonke wanika ilizwi lake, izico̔to, namalahle omlilo. Watuma intolo zake, wabaci̔ta; wongezelela ngemibane, wabapitizelisa. Kwandula kwabonakala amazantsi amanzi, atyileka namasekwa omhlaba, ngokutetisa kwako, YEHOVA! ngokuquta kwomoya wempumlo yako. Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi; wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; nakwabo banditiyayo; ngokuba bebendidlula ngamandla. Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa UYEHOVA ebesisixaso kum. Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim.
UYEHOVA wandivuza njengokwobulungisa bam; njengokwobumhlope bezandla zam wandibuyekezela. Ngokuba ndizibambile indlela ZIKAYEHOVA, ndandingemkanga ngenkohlakalo KUTIXO wam. Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andiyipambukisanga kum. Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam: ngako UYEHOVA undibuyekezele njengokwobulungisa bam, njengokwobumhlope bezandla zam pambi kwamehlo ake.