Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 18:1-24

IINDUMISO 18:1-24 XHO75

Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizímela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam! Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ezintshabeni zam. Izintya zokufa zandijikela; Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa. Izintya zelabafileyo zandibhijela; Izirhintyelo zokufa zabetha kum. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe. Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zeentaba zagungqa, Zahexa, ngokuba enomsindo. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe, Kwavutha amalahle ephuma kuwo. Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe. Wakhwela ekerubhini,• waphaphazela, Wee tshwebelele ngamaphiko omoya. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye; Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akhe Isiphango samatye, namalahle omlilo. Wadudumisa ezulwini uYehova, Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe. Yasisiphango samatye namalahle omlilo. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa; Yamininzi imibane, wabadubaduba. Imiphantsi yamanzi yabonakala, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kwakho, Yehova, Ngokufutha komoya womsindo wakho. Wolula isandla ephezulu, wandibamba, Wandirhola emanzini amaninzi. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam, UYehova wandixhasa. Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula, ngokuba endithandile. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum; Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa, Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.