Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 18:1-24

IINDUMISO 18:1-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizímela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam! Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ezintshabeni zam. Izintya zokufa zandijikela; Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa. Izintya zelabafileyo zandibhijela; Izirhintyelo zokufa zabetha kum. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe. Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zeentaba zagungqa, Zahexa, ngokuba enomsindo. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe, Kwavutha amalahle ephuma kuwo. Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe. Wakhwela ekerubhini,• waphaphazela, Wee tshwebelele ngamaphiko omoya. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye; Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akhe Isiphango samatye, namalahle omlilo. Wadudumisa ezulwini uYehova, Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe. Yasisiphango samatye namalahle omlilo. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa; Yamininzi imibane, wabadubaduba. Imiphantsi yamanzi yabonakala, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kwakho, Yehova, Ngokufutha komoya womsindo wakho. Wolula isandla ephezulu, wandibamba, Wandirhola emanzini amaninzi. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam, UYehova wandixhasa. Wandikhuphela endaweni ebanzi, Wandihlangula, ngokuba endithandile. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam, Nemimiselo yakhe andiyisusi kum; Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa, Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.

IINDUMISO 18:1-24 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am. NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam. Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile. Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele. Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo, asuke andithi hlasi kwiintshaba zam. Ngenene, makabongwe uNdikhoyo! Bendirhintyelwe ziintambo zokufa, amaza arhaxayo endigubungele. Ukufa bekundirhangqile, ingcwaba selivuleke lithe ng'aa. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo, ndalucela uncedo kuThixo wam. Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe, savakala kuye isikhalo sam. Suka wagungqa wanyikima umhlaba, nditsho neziseko zeentaba zashukuma, kuba uThixo wayenomsindo. Kwathi phoko umsi emathatheni akhe, walephuza amadangatye ngomlomo, kuliqika amalahle avuthayo. Wasikrazula isibhakabhaka, wehla, ethe zukuva phezu kwelifu elimnyama. Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko itshebeleza ngesantya emoyeni. Wayethiwe gqume sisithokothoko, kumnyama thsu; engqingwe ziingqimba zamafu anemvula. Kwaw' isichotho namalahl' avuthayo, ziphuma kumban' ongaphambi kwakhe, zagqobhoza kuloo ntshinyela yamafu. Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo, lavakal' ilizwi loPhezukonke, satsho isichotho nemibane. Wadubula ngeentolo zakhe, zee qhu saa iintshaba, eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane. Ewe, watsho zoma qoko iilwandle, kwatsho kwavela neziseko zelizwe, wakukhalima, wena Ndikhoyo, ugragramela iintshaba unomsindo. Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo, wandihlangula kumanzi enzonzobila. Wandihlangula kwiintshaba zam nakwabo bandichasayo, bendivuyelela. Bandihlasela ndisengxingweni, wandikhusela yena uNdikhoyo. Wandihlangula ndisengozini, wandisindisa kuba ekholisekile ndim. Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa; wandithamsanqela, kuba ndimsulwa. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela; andimfulathelanga uThixo wam. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile; andiyaphulanga imithetho yakhe. Uyandazi ukuba andonanga; ndiyazilumla ekwenzeni ububi. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo; uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

IINDUMISO 18:1-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kumvumi, Ingoma kaDavide, umkhonzi kaYehova, owawathethayo amazwi ale ngoma kuYehova, ekubahlanguleni kukaYehova esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule; Wathi, Ndiya kukuthanda, Yehova, mandla am. uYehova liliwa lam, igwiba lam, umsindisi wam; Thixo wam, liwa lam endizimela ngaye; Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, nenqaba yam ephakamileyo. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa; ndiya kusinda ezintshabeni zam. Izibetho zokufa zandirhawula, Nemilambo yabangendawo yandikhwankqisa. Izibindi zelabafileyo zandibhijela, zaza izirhintyelo zokufa zandirhintyela. Ndanqula uYehova ngentliziyo yam, Ndanqula uThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika kuye ezindlebeni zakhe. Lanyikima ihlabathi, lanyikima; Iziseko zeentaba zashukuma, Zahexa, ngokuba Enomsindo. Kwenyuka umsi emathatheni akhe, kwatsha umlilo emlonyeni wakhe; amalahle abaswe yiyo. Wabuya walithoba izulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe. Wakhwela ekerubhini, wabhabha; ewe, waphaphazela ngamaphiko omoya. Wenze ubumnyama baba lisithe lakhe; Intente eyayimgqume ngaphakathi yayingamanzi amnyama namafu angqingqwa esibhakabhakeni. Ngokukhanya okuphambi kwakhe, adlula amafu akhe, Isichotho namalahle omlilo. Wadudumisa esibhakabhakeni uYehova, walivakalisa uMthetheleli-lizwi ilizwi lakhe; isichotho namadangatye. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa; wabaphosa imibane, wabadubaduba. Kwabonakala imijelo yamanzi, Kwatyhileka iziseko zehlabathi ngokukhalima kwakho, Yehova, Ngokuphefumla komoya wempumlo yakho. Wolula isandla ephezulu, wandibamba, Wandirhuqela emanzini amaninzi. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla, Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam. Bandifikela ngemini yeshwangusha lam, uYehova wandixhasa. Wandisa endaweni enkulu; Wandisindisa, ngokuba endithandile. uYehova undibize ngokobulungisa bam; Wandenza ngokobunyulu bezandla zam. Kuba ndizigcinile iindlela zikaYehova, yaye andizange ndiphambuke kuThixo wam. Ngokuba bonke ubunile bakhe ngakum, andiwususanga ubunile bakhe kum. Ndandililungisa phambi kwakhe, Ndazinqanda ebubini bam. Ngako oko, uYehova undibize ngokobulungisa bam, nangokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.

IINDUMISO 18:1-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

NDOKUTANDA, YEHOVA, Mandla am! UYEHOVA uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam; UTIXO wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, nenyango yam. Ndobiza KUYEHOVA, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam. Intambo zokufa zandiṙaula, nemisinga yobunginingini yandoyikisa; intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela. Ebunzimeni bam ndabiza KUYEHOVA, ndakala KUTIXO wam: weva ilizwi lam esetempileni yake; nokukala kwam ebusweni bake kweza ezindlebeni zake. Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; namasekwa entaba ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile. Kwenyuka umsi empumlweni yake; nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo. Wagoba izulu, wehla: sasitokotoko pantsi kwenyawo zake. Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabaleka pezu kwamapiko omoya. Ubumnyama wabenza imfihlelo yake; intente yake yampahla, amanzi amnyama, amafu abungqingqwa ezulu. Ngenkazimlo epambi kwake kwadlula amafu ake, izico̔to, namalahle omlilo. UYEHOVA wadudumisa ezulwini; opezu kwonke wanika ilizwi lake, izico̔to, namalahle omlilo. Watuma intolo zake, wabaci̔ta; wongezelela ngemibane, wabapitizelisa. Kwandula kwabonakala amazantsi amanzi, atyileka namasekwa omhlaba, ngokutetisa kwako, YEHOVA! ngokuquta kwomoya wempumlo yako. Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi; wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; nakwabo banditiyayo; ngokuba bebendidlula ngamandla. Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa UYEHOVA ebesisixaso kum. Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim. UYEHOVA wandivuza njengokwobulungisa bam; njengokwobumhlope bezandla zam wandibuyekezela. Ngokuba ndizibambile indlela ZIKAYEHOVA, ndandingemkanga ngenkohlakalo KUTIXO wam. Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andiyipambukisanga kum. Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam: ngako UYEHOVA undibuyekezele njengokwobulungisa bam, njengokwobumhlope bezandla zam pambi kwamehlo ake.

IINDUMISO 18:1-24

IINDUMISO 18:1-24 XHO75IINDUMISO 18:1-24 XHO75