Amaculo 138

138
ICULO CXXXVIII.
Elika‐Davide.
1NDOKUDUMISA ngayo yonke intliziyo yam: ebusweni babo otixo ndoculela wena. 2Ndobedesha ngasetempileni yako eyingcwele, ndidumise igama lako ngenxa yobubele bako nangenxa yenyaniso yako: ngokuba ilizwi lako ulenzile elikulu ngapezu kwalo lonke igama lako. 3Emhleni ndabizayo wandula wandipendula; wandomeleza ngamandla empefumlweni wam.
4Bonke okumkani bomhlaba bokudumisa, Yehova! bakuba bevile amazwi omlomo wako. 5Ewe, bovuma ngazo indlela zikayehova: ngokuba bukulu ubungcwalisa bukayehova.
6Nakuba epakamile uyehova, wobona abapantsi noko; kodwa abaner̔atshi uyabazi ekude. 7Nxa ndihamba pakati kwobunzima, wondipilisa; uya kwolula isandla sako ngakuwo umsindo wentshaba zam, sasiya kundisindisa isandla sako sokunene. 8Uyehova uya kufeza okungam: ububele bako, Yehova! bungunapakade; zungayeki imisebenzi yezako izandla.

Currently Selected:

Amaculo 138: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena