Amaculo 139
139
ICULO CXXXIX.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1YEHOVA! undipengulule, wandazi. 2Uyazi ukuhlala pantsi kwam nokusuka kwam: inkumbulo yam uyayiqonda ukude. 3Uyabenca ukuhamba kwam nokulala kwam; uyazana nazo zonke indlela zam. 4Nxa kungekabiko lizwi elulwimini lwam, bona ke, ugqibele ukulazi, Yehova! 5Undivimbele nasemva napambili, wabeka isandla sako pezu kwam. 6Ukwazi okunjalo kundoyisile ngokuba ngummangaliso; kupezulu, ndikohliwe kukufikela.
7Ndoya pina ukumka kumoya wako? ndoya pina ukubaleka ebusweni bako? 8Nxa ndinyukela ezulwini, ukona; nxa ndizandlalela ehadesi, nanku ukona. 9Nxa nditabata amapiko okusa, ndihlale ekupeleni kwolwandle, 10kwa kona isandla sako sondikokela, nesokunene sako sondibamba. 11Ukuba nditi: Ngenyaniso ubumnyama buya kundiselela; kwa ubusuku boba kukukanya ngakum. 12Ewe, ubumnyama abumnyama pambi kwako; ubusuku buyakanya njengemini: njengokuba bunjalo ubumnyama kunjalo ukukanya kuwe.
13Ngokuba wena ufuyile izintso zam; wandigubungela esizalweni sikama̔. 14Ndokudumisa; ngokuba ngendawo eyoyikekileyo ndenziwe ngokungummangaliso: imisebenzi yako yeyokutelwa nqa; oko umpefumlo wam uyakwazi kakulu. 15Upahla lwam belungasitele kuwe, okuya ndandisenziwa emfihlekweni, ndacikizwa emazantsi omhlaba. 16Amehlo ako abona imbumbulo yam ingekalungiswa; nasencwadini yako bekuba̔lwa onke amalungu am, nemihla abedalwa ngayo, nxa bekungeko nalinye pakati kwawo. 17Kanjalo kum zinqabile kangakananina inkumbulo zako, Tixo! likulu kangakananina inani lazo! 18Nxa ndibe ndiya kuzibala, ’zigqitisile nentlabati ngokuba zininzi: nxa ndivukayo, ndisenawe.
19Ngenyaniso uya kubulala abakohlakeleyo, Tixo! Mkani kum ngoko, nina bantu begazi! 20Ngokuba beteta ngawe ngobumenemene; intshaba zako zifumana zibiza igama lako. 21Andibatiyi na, Yehova! abakutiyayo? nabo basukela ngakuwe andibadeli na? 22Ndiyabatiya ngentiyo efezekileyo; bazintshaba kum. 23Ndipengulule, Tixo! uze uyazi intliziyo yam; ndilinge, uze uzazi izicingo zam; 24ubone nokuba kuko kum indlela engendawo, undikokele endleleni engunapakade.
Currently Selected:
Amaculo 139: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.