Amaculo 128

128
ICULO CXXVIII.
Iculo lezinyuko.
1HAI itamsanqa losukuba emoyika uyehova, ohambayo ezindleleni zake! 2Ngokuba uya kudla inzuzo yezandla zako; woba netamsanqa, kwakuya kulunga kuwe. 3Umfazi wako woba njengomti weveyine oqa̔mileyo, emacaleni endlu yako; abantwana bako boba njengemitana yomnquma, bengqonga itafile yako. 4Kangela, kukwa njalo ke iya kutanyusanqeliswa indoda emoyikayo uyehova. 5Uyehova wokutamsanqelisa kwa se‐Ziyone; wauya kubona ukulunga kwe‐Yerusaleme yonke imihla yokudla kwako ubomi. 6Ewe, uya kubona abantwana babautwana bako, kwa noxolo pezu kwo‐Sirayeli.

Currently Selected:

Amaculo 128: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena