Amaculo 127
127
ICULO CXXVII.
Iculo lezinyuko, lika‐Solomone.
1NXA uyehova angaki indlu, bofumana basebenze abo bayakayo; nxa uyehova angagcini isixeko, wofumana apapame umlindi. 2Nofumana nivuke kwa kusasa, nihlale kude kube sebusuku, nidle isonka sentlungu: kwa njalo uyanika umtandwa wake ubutongo.
3Kangela, abantwana balilifa livela kuyehova; isixakato sesizalo singumvuzo wake. 4Njengentolo esandleni segoṙa, banjalo abantwana bobutsha bomntu. 5Hai itamsanqa lendoda empongolo uzele ngabo! abayi kudaniswa, nxa baya kuteta nentshaba esangweni.
Currently Selected:
Amaculo 127: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.